Uphononongo nzulu lokusetyenziswa kweenkumbulo nokulibala ngabalinganiswa kwiincwadi ezikhethiweyo zesiXhosa
- Authors: Notshe, Lwandlekazi
- Date: 2017
- Subjects: Xhosa literature Xhosa drama -- Criticism and interpretation
- Language: English
- Type: Thesis , Doctoral , MBA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/20087 , vital:29105
- Description: Olu phando luza kuphendla ukusetyenziswa kweenkumbulo nokulibala ngabalinganiswa kwiincwadi ezichongiweyo zesiXhosa. Apha kuvezwa ukuba iinkumbulo zinika umkhombandlela womakwenziwe. Kuza kugocwagocwa ezi ncwadi zilandelayo: Ingalo ngokubhalwe ngu-K.S. Bongela Elundini loThukela ngokubhalwe ngu-J.J.R. Jolobe Ukuqhawuka kwembeleko ngokubhalwe ngu-D.M. Jongilanga Ingqumbo yeminyanya ngokubhalwe ngu-A.C. Jordan Bhota Nonceba ibhalwe ngu-B.B. Mafuya UMakhwekhwetha ngokubhalwe ngu-R.F. Mcimeli Umqol’ uphandle ngokubhalwe ngu-M.A.P. Ngani Umkhonto kaTshiwo ngokubhalwe ngu-M.A.P. Ngani Unyana womntu ngokubhalwe ngu- N.Saule Vuleka mhlaba ngokubhalwe nguN. Saule Imijelo yegazi ngokubhalwe ngu-Z.S. Zotwana Apha kwezi ncwadi kuza kuhlutywa ukuba ukukhumbula nokulibala luyasetyenziswa ngabantu abantetho isisiXhosa nokuba wonke umntu unazo iinkumbulo, ingaba ziinkumbulo ezimnandi okanye ezinxunguphalisayo. Isahluko sokuqala salo msebenzi siza kunika amagqabantshintshi ngolu phando. Esi sahluko siqulathe: - Ingabula-zigcawu - Iinjongo zophando - Imibuzo ekhokelele ekwenziweni kolu phando - Indlela yokwenza olu phando - Ukubaluleka kolu phando - Okuthethwa zezinye iingcali ngeenkumbulo nokulibala - Ingcaciso magama Isahluko sesibini siqulathe iingcingane yeenkumbulo, ingcingane yobume bengqondo kwakunye nengcingane yokuqonda. Kukwajongwe abasunguli bezi ngcingane nemisebenzi yabo. Isahluko sesithathu siqwalasele iinkumbulo nempembelelo yazo kwinkcubeko nasentlalweni kwiincwadi ezichongiweyo. Isahluko sesine sijonge iinkumbulo zembali yepolitiki eMzantsi Afrika. Isahluko sesihlanu sicubungula iinkumbulo nokulibala kwezomthetho. Isahluko sesithandathu nesisesokugqibela - sishwankathela iziphumo zophando kukwanikwa nezindululo.
- Full Text:
- Date Issued: 2017

Uphononongo nzulu lokusetyenziswa kolwimi olucengayo ngabalinganiswa kwincwadi ka Z.S. Qangule ethi, "Amaza" neka A.M. Mmango ethi, "Udike noCikizwa"
- Authors: Notshe, Lwandlekazi
- Date: 2011
- Subjects: Xhosa drama , Figures of speech , Persuasion (Psychology) in literature
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8476 , http://hdl.handle.net/10948/d1012684 , Xhosa drama , Figures of speech , Persuasion (Psychology) in literature
- Description: Olu phando luza kuphendla ubugcisa bokusetyenziswa kwezicengo ekutshintsheni izimvo, iinkolo nokuziphatha kwabantu. Kuza kugxilwa kakhulu kwiinjongo noxinzelelo lwazo kuba zingunozala wezicengo. Kuza kugocwagocwa ‘Amaza’ kaQangule kwakunye no ‘UDike noCikizwa’ kaMmango. Apha kwezi ncwadi kuza kuhlutywa ukuba ulwimi olucengayo luyasetyenziswa ngabantu abantetho isisiXhosa, nokuba imingangatho eyinqobo (values), inkcubeko, nengqeqesho (socialization) zidlala indima enkulu kulwimi olucengayo. Isahluko sokuqala salo msebenzi siza kunika amagqabantshintshi ngolu phando. Esi sahluko siqulathe: Intshayelelo; Iingxaki zophando; Iinjongo zophando; Ukubaluleka kolu phando; Okusele kubhaliwe ngezicengo; Ingcaciso magama. Isahluko sesibini siqulathe iingcingane zolwimi olucengayo, abasunguli bazo, nemisebenzi yabo. Isahluko sesithathu siqwalasele ukusetyenziswa kwezicengo kwiincwadi ezichongiweyo. Isahluko sesine sijonge ubugcisa bokusetyenziswa kolwimi olucengayo kwizihlobo nakwiintsapho. Kwalapha, kujongwe nokusetyenziswa kolwimi oluchubekileyo ngamadoda nabafazi, igunya, umyalezo ocalanye kwakunye nokunikezela. Isahluko sesihlanu nesisesokugqibela – sishwankathela iziphumo zophando kukwanikwa neengcebiso.
- Full Text:
- Date Issued: 2011

- «
- ‹
- 1
- ›
- »