Ukuphononongwa kokushiywa nokubuyelwa ziinkumbulo kwababhali abachongiweyo kwiincwadi zeothobhayografi KaMtuze nomagona
- Authors: Stemela, Nozuko Precious
- Date: 2024-04
- Subjects: Mtuze, Peter Tshobiso , Xhosa literature -- History and criticism , Authors, Xhosa -- Biography
- Language: Xhosa
- Type: Master's theses , text
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/63529 , vital:73385
- Description: Olu phando lugxile ekuphononongeni ukukhumbula nokulibala kwii-othobhayografi ezibhaliweyo ekaMagona (1995) noMtuze (1976). Ii-othobhayografi eziza kusetyenziswa luphando zithi: Indlel’ Ebhek’ Enkundleni ngokukaPeter Mtuze (1976) nethi, Kubantwana Babantwana Bam ngokukaSindiwe Magona (1995). Xa kusenziwa uphando kuza kuhlalutywa amanqanaba okukhumbula nokulibala ukusukela ebuntwaneni ukuya kutsho ebudaleni kubabhali bee-othobhayografi. Uhlalutyo luza kube lugxininise ekujongeni iinkumbulo zababhali, luhamba nabo ngokwamanqanaba okukhula kwabo, amanqanaba okukhumbula nokulibala njengoko bekhula. Uphando luza kungqiyama ngengcingane yokukhumbula nokulibala eyasungulwa nguEbbinghaus (1885) kuphando lwakhe awayelwenza. Iinjongo zikaEbbinghaus ongumsunguli wengcingane zokuzisa ulwazi ngengcingane yokukhumbula nokulibala kukubonisa indlela ukulibala okwenzeka ngayo. UEbbinghaus uye wasebenzisa ikhevu yokulibala ukuvelisa banzi ingcingane. Lo msunguli wale ngcingane yokukhumbula nokulibala uthi, le khevu yokulibala ibonisa ukwehla kwezinga lokukhumbula okanye iqondo lokukhumbula xa luthe ulwazi lwalahleka ngenxa yokungenziwa kwamatiletile okulugcina nokukhunjulwa ngumninilo. Oku uEbbinghaus (1885) ukucacisa kwincwadi yakhe ethi Memory (1850-1909). Uphando njengokuba lubandakanya okwenzeka kwingqondo luza kube lukhatshwa yingcingane yokuqonda. Ingcingane yokuqonda yingcingane enkulu nengcingane ethe yajongwa kakhulu ziingcali ezininzi, ikwaphuhliswa ziingcaphephe ezininzi nezifundiswa. Uphando lukhethe ukuvelisa uEbbinghaus ukubonisa ingcingane yokukhumbula nokulibala, kodwa yona iphefumlelwe ziingcaphephe ezininzi mandulo. NgokukaGuyer (1998:1) enye yeengcaphephe abhale ngayo ethetha ngengcingane yokukhumbula nokuqonda nguKant (1724-1804) owaziwa ngomsebenzi wakhe othi: The Critique of Pure Reason. Lo msebenzi ucatshulwe apha kulapho uKant (1724-1804) athetha ngendlela yokuqonda ulwazi nokuzisa izizathu. Emva koko iingcali ezininzi ziye zaqhuba nengcingane yokuqonda ukuza kuthi ga kule mihla. Oku kuquka ingcali uChart (2017) obhale ngengcinane yokuqonda ngokwale mihla. Uphando luza kuvelisa ingcingane yesini njengengcingane ekhaphayo. Ingcingane yesini iza kusetyenziselwa ukuthelekiswa kwababhali bee-othobhayografi kujongwa indlela yokukhumbula nokulibala kugudlwe isini. Ngonyaka we-1955 uMoney (1955) waye wapapasha iphepha kunye nabo asebenza nabo kwiSebe lezeNgqondo uJoan G. Hampson nomyeni wakhe uJohn L. Hampson apho babeqala ukwazisa ngenkquleqhu yendima yesini besithi: Zonke izinto azithethayo okanye azenzayo umntu ukuze azichaze njengenkwenkwe okanye indoda, intombazana okanye ibhinqa, ngokulandelelanayo, zibizwa ngokuba ziindima zesini. Kulapho uMoney (1955) wathi wasungula khona le ngcingane yesini eza kuthi ithathe inxaxheba kolu phando ngokubonisa ukukhumbula nokulibala kwisini. Olu phando luza kuthi lwenziwe ngohlobo olubizwa ngokuba yintyilazwi. Intyilazwi ilunge kakhulu kolu hlobo lophando kuba luphando olufundisayo njengokuba luvelisa unobangela wokukhumbula nezizathu zokulibala. Intyilazwi iyagqitha ize ijonge amava ababhali, indlela abazicacise ngayo iinkumbulo zabo nendlela abazibhale ngayo iiothobhayografi zabo bechaza iziganeko zokukhula kwabo. Olu hlobo luza kube lungajongi zigrafu okanye manani kodwa lujonga kakhulu indlela yokuhlalutya oko kubhaliweyo. Iincwadi ezisetyenziswa kuphando ziza kushwankathelwa zibuye zihlalutywe ngokwendlela yokuhlola iziganeko zokukhumbula nokulibala kwababhali. , Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Langauge, Media and Communication, 2024
- Full Text:
- Date Issued: 2024-04

A short autobiography of Samuel Edward Krune Mqhayi
- Authors: Mqhayi, Samuel Edward Krune
- Date: 194?
- Subjects: Mqhayi, Samuel Edward Krune (1875-1945) , Xhosa poetry , Authors, Xhosa -- Biography , Intellectuals -- South Africa -- Biography
- Language: English
- Type: text
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/19525 , vital:22456 , MS 14 760 , This manuscript is held at the Cory Library for Humanities Research at Rhodes University. For further information contact cory@ru.ac.za. The digitisation of this image was made possible through a generous grant received from the Andrew W. Mellon Foundation 2014-2017.
- Description: Autobiographical work of South African Samuel Edward Krune Mqhayi (S.E.K. Mqhayi), Xhosa poet, intellectual historian and author.
- Full Text:
- Date Issued: 194?

- «
- ‹
- 1
- ›
- »